Weir ShareBuilder Weir ShareBuilder

I-Weir ShareBuilder – indlela elula yokuvumela umntu ngamnye abenenxalenye angumnini wayo eWeir

Wena ne-ShareBuilder

Kwa-Weir sifuna umntu ngamnye kuthi akhuthazeke, afune ukwenza okuthile aze ayazi indlela yokuba sisebenze kunye size senze indawo apho sonke sinokwazi ukwenza owona msebenzi umhle sinokuwenza ebomini bethu.

Kwingcamango yethu ethi ‘SinguWeir,’ sithetha ngokuzinikela kwethu ekubeni nento esiyenzayo ngekamva lethu sisonke njengoko sisebenza kunye ekwakheni u-Weir owomelele nolumke ngakumbi. Elinye ithuba lokukhuthaza ukuba nelizwi elinye, ngo-2019 siqalise iplani yezabelo yabo bonke abasebenzi bethu - i-Weir ShareBuilder.

I-Weir ShareBuilder yindlela elula yokuvumela umntu ngamnye abenenxalenye angumnini wayo e-Weir. Ngayo sinika bonke abasebenzi abafanelekayo izabelo zabo kwa-Weir bengazibhatalelanga. Nokuba yintoni indima yakho, nokuba ukweliphi isebe kwibhizinesi, kwaye nokuba uphi emhlabeni, ungaba nento oyifumanayo kwimpumelelo yethu.

Watch & Learn video

Malunga ne-ShareBuilder

Abasebenzi abafanelekayo baza kunikwa Umvuzo Osisabelo Wasimahla we-Weir ShareBuilder bengazibhatalelanga.

Wakube ufumene izabeo zakho zokuqala, uza kuba ngumnini zabelo, ngoko uza kufumana zonke izinto ezintle eziza nalo onto kuquka ukufumana izahlulo nokukwazi ukuvota Kwiintlanganiso Zonyaka (kwii-AGM). Eli lithuba elivuyisayo kumntu ngamnye nakuthi sonke lokuba ngumnini wenkampani nelokwakha ingomso lethu kunye.

Umvuzo wethu wokuqala we-ShareBuilder wakhutshwa ngoMeyi 2019 ibe ngoku kukho abasebenzi emhlabeni wonke abanganini bezabelo zakwa-Weir shareholders.

Uza kufaneleka ukuba ufumane Umvuzo Osisabelo Samahla ngo-2020 ukuba:

Uza kube sele uqeshiwe okungenani kangangonyaka ngu-Weir nge-31 kaOktobha 2020

Usebenza ixesha elizeleyo okanye ngamanye amaxesha

Khange ufumane Umvuzo Ozizabelo Ezinemiqathango kwiPlani Yomvuzo Wezabelo ngo-2020

Cofa kula maqosha angezantsi ngokuxhomekeke ukuba uzifumene nini izabelo zakho:

NgoMeyi 2020 ufumene inxalenye yokuqala yezabelo ezibe zezakho ngokusemthethweni engumvuzo ka-2019 waza waba yi-Weir shareholder. Izabelo zakho ezishiyekileyo ze-ShareBuilder ka-2019 ziza kuba zezakho ngokusemthethweni ngoMeyi2021.

Emva koko, uza kufumana ixabiso lomvuzo we-ShareBuilder 2020 wonke ngexesha elinye, ngoNovemba 2022.

Into omele uyenze ngoku

Njengenxalenye yendlela ozikhathalela ngazo izabelo zakho, umele ukuba ufumene imvume yokungena kwi-portal yeplani yezabelo ebizwa ngokuba yi-EquatePlus. Le sistim ilawulwa ngu-Computershare, umlawuli wethu weplani yezabelo.

Akukho nto ekufuneka uyenzile ngoku kodwa usenokuba nomdla wokungena kwi-portal ye-EquatePlus portal uze Ubone umvuzo ozizabelo wakho.

Nceda ufunde icandelo lethu lethu lokujonga nokulawula izabelo zakho ukuze sikuncede ungene kwi-EquatePlus Portal.

Ukuze ubone imibuzo engakumbi, jonga Imibuzo Edla Ngokubuzwa yethu yaba nenxaxheba ngo-2020

Uza kufaneleka ukuba ufumane Umvuzo Osisabelo Wasimahla ngo-2020 ukuba uyazifikelele ezi zinto zilandelayo:

Uza kube sele uqeshiwe okungenani kangangonyaka ngu-Weir nge-31 kaOktobha 2020

Usebenza ixesha elizeleyo okanye ngamaxessha athile

Khange ufumane Umvuzo Ozizabelo Ezinemiqathango kwiPlani Yomvuzo Wezabelo ngo-2020

Ixesha okhutshwa ngalo Umvuzo we-Weir ShareBuilder ka-2020:

Ukuba uyaqala ukuba nenxaxheba kwi-ShareBuilder ngo-2020, wakuba uzifumene izabelo zakho ngoNovemba 2022, uza kuba ngumnini wezabelo nomnini wenxalenye yebhizinesi yethu.

Into omele uyenze ngoku

Njengenxalenye yendlela ozikhathalela ngayo izabelo zakho, uza kunikwa imvume yokungena kwi-portal yeplani yezabelo ebizwa ngokuba yi-EquatePlus. Le sistim ilawulwa ngu-Computershare, umlawuli weplani yezabelo yethu.

Okwangoku akukho nto ekufuneka uyenzile ukuze ufumane umvuzo we-ShareBuilder. Uza kuba ngowakho ngokuzenzekelayo. Qinisekisa nje ukuba ulandela imiyalelo yokubhalisa neyokungena kwi-EquatePlus xa uyifumene, ukuze uqhelane nale sistim nokuze ubone iakhawunti yakho yomvuzo ozizabelo.

Nceda ufunde icandelo lethu lokujonga nokulawula izabelo zakho ukuze sikuncede ungene kwi-EquatePlus Portal.

Ukuze ubone imibuzo engakumbi, jonga Imibuzo Edla Ngokubuzwa yethu yaba nenxaxheba ngo-2020

Site worker

Ukujonga nokulawula izabelo zakho

Siqeshe umlawuli wezicwangciso zesabelo obizwa ngokuba yiComputershare ophethe iinkcukacha malunga nesabelo sakho.

Baya kujonga izabelo zakho kwiakhawunti yakho, bakuvumela ukuba ubambe izabelo zakho ngokukhuselekileyo nangokukhuselekileyo. Xa unikwa ibhaso lesabelo simahla, uya kunikwa ukufikelela kwizicwangciso zesabelo se-Intanethi esibizwa ngokuba yi-EquatePlus.

Isango liya kukuvumela ukuba:

Jonga ibhaso lakho leSabeloBuilder (okt jonga ukuba zingaphi izabelo ozifumeneyo kwaye zeziphi ozifaneleyo kwixesha elizayo)

Ge Lawula izabelo zakho onikwe zona kwi-intanethi

Jonga amanye amaxwebhu ahambelana nezabelo zakho

Ngokubhalisela ukungena nokungena kwi-portal, uya kuba nakho ukujonga ibhaso lakho kunye nokulawula izabelo zakho ezikwi-intanethi.

Ukuba ngumnini wezabelo zaseWeir

Ngenxa ye-Weir ShareBuilder, sonke siza kuba ngabanini bezabelo zaseWeir. Sonke siza kuba yinxalenye yabanini benkampani ibe siza kwazi ukuncedisa ukwakha ibhizinesi yethu size sibe nesabelo kwimpumelelo yethu yangomso.

Ukuba ngumnini wezabelo zaseWeir kuza nezinto ezintle kakhulu:

Njengoko unezabelo kwibhizinesi yethu, unendima ebalulekileyo ekwakheni ilifa lethu. Sonke, singabanini beWeir xa sidibene, abazinikele kwimpumelelo yethu yangoku neyangomso – akakho onokufumana izinto ezintle ezingakumbi kunabanye ngenxa yezinto esiziphumezileyo!

Uyavota kwizinto ezibalulekileyo Kwintlanganiso Yonyaka yabanini zabelo uze uncede ekugqibeni ukuba uWeir uza kuphathwa njani nokuba uyaphi.

Ukuba inkampani yenze ingeniso sisenokugqiba ekubeni siyahlulele abanini zabelo izizahlulo. Uza kufumana izahlulo kwi-Weir ShareBuilder yakho izizabelo ibe loo nto iza kwandisa izabelo zakho zaseWeir.

Watch & Learn video

Imibuzo yakho iyaphendulwa

Yintoni i-Weir ShareBuilder?

I-Weir ShareBuilder sisicwangciso sethu sonke sabelo sabasebenzi. Yindlela elula yokuba ubenenxalenye ye-Weir.

Yintoni Umvuzo Wezabelo Wasimahla?

Umvuzo Osisabelo Wasimahla ukunika ilungelo lokuba unikwe izabelo kwixesha elizayo ukuba uqhubeka uqeshwe apha. Ezi zabelo ziza kuba segameni lakho (le nto ibizwa ngokuba ‘yi-vesting’ okuthetha ukuba uba nelungelo elisemthetweni) kwixesha elizayo – kule meko umvuzo ozizabelo kaNovemba 2020, ezi zabelo ziza kuba zezakho ngokusemthethweni ngoNovemba 2022.

Umvuzo Osisabelo Wasimahla we-Weir ShareBuilder ka-2020 uza kunikwa abasebenzi abafanelekayo ngoNovemba 2020. Emva koko umvuzo wakho we-ShareBuilder uza kuba segameni lakho ngoNovemba 2022 logama usaqeshwe kwa-Weir.

Funda imibuzo edla ngokubuzwa nge-ShareBuilder apha

Amacebiso Okungena kwi-portal ye-EquatePlus

Njengokuba ungumnini zabelo, kufuneka uzazi izinto ezisisiseko:

Siyintoni isabelo?

Isabelo sisixa esinye sokuba ngumnini wenkampani esinokuthengwa okanye sithengiswe kwimarike yezabelo.

Ngubani umnini zabelo?

Umnini zabelo uba nesabelo esinye enkampanini ubuncinane. Xa uba ngumnini zabelo waseWeir, uza kuba ngumnini wenxalenye yenkampani, ibe uza kukwazi ukuvota kwimiba ebalulekileyo Kwiintlanganiso Zonyaka ukuze uncede ekugqibeni ukuba uWeir uphathwa njani nokuba uyaphi.

Uza kufanelekela nokufumana naziphi na izahlulo esizibhatalayo.

Yintoni imarike yezabelo?

Yimarike esekhompyutheni apho abatyali zimali okanye iinkampani ezityala imali, njengeemali zomhlala-phantsi, bedibana khona uze bathenge okanye bathengise izabelo. Izabelo zaseWeir zikwi-London Stock Exchange ibe zithengwa zithengiswe nge-UK Sterling (ngeponti).

Liyintoni ixabiso lezabelo?

Ixabiso lezabelo lixabiso olibhatalayo ukuze uthenge izabelo kwinkampani nexabiso olifumanayo ukuba kuthengiswe izabelo.

Ixabiso lezabelo liyehla okanye linyuke kuxhomekeke kwindlela eqhuba ngayo inkampani, indlela abonwa ngayo amashishini eliyinxalenye yawo inkampani, izinto ezenzeka kwezoqoqosho nasehlabathini lonke.

Unokulibona ukuba liqhuba njani ixabiso lezabelo zaseWeir ku-Londonstockexchange.com

Ithetha ntoni into yokuba izabelo ibe zezakho ngokusemthethweni – i-vesting?

Xa unikwa umvuzo we-ShareBuilder, uwunikwa isisabelo sasimahla oza kuba zizabelo emva kwexesha elibekiweyo (jonga icandelo elithi ixesha ukuze ufumane iinkcukacha). Xa izabelo ‘zisiba ngezakho ngokusemthethweni’, ziba zezakho ibe uba ngumnini wezabelo ngoko nangoko ibe uba ngumnini wenxalenye yenkampani kuquka namalungelo omnini wezabelo ahamba kunye nezo zabelo, njengelungelo lokuvota nelokufumana izahlulo.

Ziyintoni izahlulo?

Yinxalenye yengeniso yenkampani ebhatalwa abanini zabelo. EWeir, izahlulo ziqhele ukubhatalwa ngoJuni okanye ngoNovemba.

Yintoni Intlanganiso Yonyaka?

Le yintlanganiso ebakho qho ngonyaka eyenza abanini bezabelo badibane nebhodi elawula inkampani ukuze bavote kwizigqibo zenkampani. Abalawuli baza kunikezela ingxelo yezimali yenkampani baze bona abanini zabelo babuze imibuzo.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi nge-Weir ShareBuilder nangamagama asetyenziswa kwilizwe elithile, jonga Imimiselo Nemiqathango Yasemhabeni Wonke Ye-Weir ShareBuilder.

Qhakamshelana nathi

Le sayithi imele ikunike yonke inkcazelo oyidingayo okwangoku, kodwa ukuba unemibuzo engakumbi, sebenzisa ezi nkcukacha zingezantsi: